1 Ngaloo mihla kube kungekho kumkani kwaSirayeli. Ngaloo mihla isizwe sakwaDan besizifunela ilifa lendawo yokuhlala; ngokuba kwada kwanguloo mhla, sibe sona singabelwanga lifa ngeqashiso, phakathi kwesizwe sakwaSirayeli.
2 Oonyana bakaDan besusa kumlibo wakowabo amadoda amahlanu, evela kwinani lawo lonke, amadoda anobukroti aseTsora nase-Eshtawoli, ukuba alihlole ilizwe, aligocagoce. Bathi kuwo, Hambani niligocagoce ilizwe. Afika kweleentaba lakwaEfrayim endlwini kaMika, alala khona.
3 Akubona ukuba angasendlwini kaMika, alifanisa ilizwi lendodana engumLevi, aphambukela khona, athi kuye, Ùziswe ngubani na apha? Wenza ntoni na kule ndawo? Ungantoni na apha?
4 Yathi kuwo, Wenjenje, wenjenje uMika kum; wandiqesha, ndaba ngumbingeleli kuye.
5 Athi kuyo, Khawubuze kuThixo, sazi ukuba iya kuba nempumelelo na indlela yethu esihambela yona.