13 Wabahlanganisela kuye oonyana baka-Amon nama-Amaleki, waya wawabulala amaSirayeli, wawuhlutha uMzi wamaSundu.
14 Oonyana bakaSirayeli bamkhonza uEglon, ukumkani wakwaMowabhi, iminyaka elishumi elinesibhozo.
15 Bakhala oonyana bakaSirayeli kuYehova; wabavelisela umsindisi onguEhude, unyana kaGera, umBhenjamin, umfo olinxele. Bathumela oonyana bakaSirayeli ngesandla sakhe umnikelo kuEglon, ukumkani wakwaMowabhi.
16 UEhude wazenzela ikrele elintlangothi mbini, liyikubhite* ubude balo, walinxiba phantsi kwengubo yakhe ethangéni lakhe lokunene.
17 Wawusondeza umnikelo kuEglon ukumkani wamaMowabhi: ke uEglon ebengumfo onengxeba.
18 Kwathi, akugqiba ukuwusondeza umnikelo, wabandulula abantu ababewuthwele umnikelo lowo.
19 Wabuya yena emifanekisweni eqingqiweyo eseGiligali, wathi, Ndinelizwi lasentsithelweni nawe, kumkani. Wathi, Yithini tu. Baphuma bemka kuye bonke ababemi ngakuye.