23 Qalekisani iMerozi, satsho isithunywa sikaYehova,Qalekisani, qalekisani abemi bakhona.Ngokuba bengezanga kunceda uYehova,Kunceda uYehova phakathi kwamagorha.
24 Makasikelelwe kunezinye iintokazi uYaheli,UmkaHebhere umKeni.Makasikelelwe kuneentokazi ezisezintenteni.
25 Wacela amanzi, wamnika amasi,Ngesitya sezinhanha wasondeza ingqaka.
26 Wasa isandla sakhe esikhonkwaneni,Wasa esokunene esandweni sabasebenza kanzima,Wamkhanda uSisera, wamhlekeza intloko,Wamhlaba, wambhodloza ezintlafunweni.
27 Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa, walala phantsi.Waguqa ezinyaweni zakhe, wawa;Apho waguqa khona, wawa ephelile.
28 Walunguza ngefestile, wamemezaNgesithuba unina kaSisera, wathi,Ilibele yini na inqwelo yakhe yokulwa, ingafiki nje?Zihlaleleni na iinqwelo zakhe zomkhosi, zingahlokomi nje?
29 Aphendule alumkileyo amakhosazana akhe —Ke yena aphinde kwaelakhe, ethetha yedwa, athi,