3 Yivani, bokumkani; bekani iindlebe, zidwangube;Mna lo ndiya kuvuma kuYehova,Ndiya kumbethela uhadi uYehova, uThixo kaSirayeli.
4 Yehova, ekuphumeni kwakho kwaSehire,Ekunyalaseni kwakho, uvela emhlabeni wakwaEdom,Lanyikima ihlabathi, lavuza nalo izulu;Ewe, amafu avuza amanzi.
5 Iintaba zazamazama phambi koYehova;ISinayi leya, phambi koYehova uThixo kaSirayeli.
6 Ngemihla kaShamgare, umfo ka-Anati.Ngemihla kaYaheli, bezingàhanjwa iindlela,Ababehamba ngeengqushu bahamba ngeendlela eziziphambusa.
7 Ebengamiwa amaphandle kwaSirayeli, ebengamiwa,Ndada ndesuka, mna Debhora,Ndesuka ndaba ngunina kwaSirayeli.
8 Kwakunyulwe oothixo abatsha,Kwaza kwayimfazwe emasangweni;Ingweletshetshe nomkhonto wawubonwa yini na,Phakathi kwamawaka amashumi mané akwaSirayeli?
9 Intliziyo yam ingakubamisi-mthetho bakwaSirayeli,Ingakwabo baqhutywa yintliziyo yabo phakathi kwabantu;Bongani uYehova.