1 Yoo! Uhleli wodwa, umzi obantu baye bebaninzi;Obe umkhulu ezintlangeniUsuke waba njengomhlolokazi; umthethelikazi emazweniUsuke waba ngofakwa uviko.
2 Ulila elilile ebusuku, iinyembezi zakhe zisezidleleni zakhe;Akanamthuthuzeli kuzo zonke izithandane zakhe;Onke amakholwane akhe ammenezelele,Aba lutshaba kuye.
3 UYuda uye ekuthinjweni, ephuma ezintsizini nasezinkonzweni ezininzi;Yena uhleli ezintlangeni, akafumani kuphumla;Bonke abamsukelayo bamfikele ezingxingongweni.
4 Iindlela zaseZiyon zenza isijwili, ngokungabikho kwabayà emithendelekweni;Onke amasango ayo akanamntu, ababingeleli bayo bayancwina;Iintombi zayo zinosizi, yona ke kukrakra kuyo.