10 Ahleli emhlabeni ethe cwaka amadoda amakhulu entombi enguZiyon;Azigalele ngomhlaba entloko, abhinqe ezirhwexayo;Úzithòbele emhlabeni iintloko zawo umthinjana waseYerusalem.
11 Amehlo am aphela ziinyembezi, ziyabila izibilini zam,Isibindi sam siphalele emhlabeni, ngenxa yokwaphuka kwentombi yabantu bakowethu,Ngokutyhafa kwabantwana, nabasemabeleni, ezitratweni zomzi.
12 Bamana ukuthi koonina, Iphi na ingqolowa newayini?Ekutyhafeni kwabo njengabangxwelerhiweyo ezitratweni zomzi,Ekuziphalazeni kwemiphefumlo yabo esifubeni sonina.
13 Ndíkungqinele, ngantoni na? Ndíkufànekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem?Ndíkulingànise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon?Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?
14 Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu;Àbabutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho;Bakubonéle imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.
15 Bàbetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela;Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi,Nguló mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?
16 Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo;Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile;Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.