13 Ndíkungqinele, ngantoni na? Ndíkufànekise nantoni na, ntombi yaseYerusalem?Ndíkulingànise nantoni na, ukuze ndikuthuthuzele, ntombindini iyintombi, inguZiyon?Ngokuba kukhulu ngangolwandle ukwaphuka kwakho; ngubani na onokukuphilisa?
14 Abaprofeti bakho bakubonele imibono yento engento nejavujavu;Àbabutyhila ubugwenxa bakho, ukuba kubuyiswe ukuthinjwa kwakho;Bakubonéle imibono ezizihlabo ezingezizo, nezokugxothwa.
15 Bàbetha izandla ngawe bonke abadlula ngendlela;Benza umsondlo, bahlunguzele iintloko ngentombi enguYerusalem, besithi,Nguló mzi na, lo kuthiwa kuphela kwenzwakazi, yimihlali yehlabathi lonke?
16 Zonke iintshaba zakho zikwakhamisela umlomo;Zenza umsondlo, zitshixizela amazinyo; zithi, Siyiginyile;Inene, yiyo le imini ebe siyithembile; siyifumene, siyibonile.
17 Ukwenzile uYehova abekunkqangiyele;Ulizalisile ilizwi lakhe, abeliwisele umthetho kususela kwiimini zamandulo;Ugungxule, àkaconga;Wenzé lwakuvuyelela utshaba lwakho,Uphakamisé uphondo lwababandezeli bakho.
18 Intliziyo yabo ikhala eNkosini yam;Lùdonga lwentombi enguZiyon, mazihle iinyembezi njengomlambo imini nobusuku;Musa ukuyeka, malungaphezi ukhozo lweliso lakho.
19 Vuka, uhlahlambe ebusuku, ekuqalekeni kwemilindo;Yiphalaze njengamanzi intliziyo yakho ebusweni beNkosi;Ziphakamisele kuyo izandla zakho, ngenxa yomphefumlo wabantwana bakho,Abatyhafileyo kukulamba ekujikeni kwezitrato zonke.