29 Mayiwubeke eluthulini umlomo wayo; kungábakho ithemba mhlawumbi.
30 Mayisinikele isidlele sayo koyibethayo; mayihlùthe yingcikivo.
31 Ngokuba iNkosi yam ayiyi kumhlamba umntu ngonaphakade,
32 Ngokuba naxa imhlisele usizi, noko yoba nemfesane ngokobuninzi benceba yayo.
33 Ngokuba ayibacinezeli ngokuphuma entliziyweni yayo, ibènze babe nosizi oonyana babantu.
34 Ekutyunyuzweni kwababanjiweyo bonke behlabathi phantsi kweenyawo;
35 Ekulijikeni ityala lomfo phambi kobuso bOsenyangweni;