52 Zindizingele zandizingela njengentaka iintshaba zam ngelizé.
53 Zibubhangisile ubomi bam ngokundeyelisela emhadini, zandigibisela ngamatye.
54 Amanzi ahambe phezu kwentloko yam, ndathi, Ndinqanyulwe.
55 Ndinqulé igama lakho, Yehova, kongaphantsi umhadi.
56 Izwi lam waliva; musa ukuyifihla indlebe yakho ekubefuzeni kwam, ekuzibikeni kwam.
57 Wasondela ngemini yokukunqula kwam, wathi, Musa ukoyika.
58 Ùwathethile amatyala omphefumlo wam, Nkosi yam; ubukhulule ubomi bam ngokubumisela.