6 Bukhulile ubugwenxa bentombi yakowethu ngaphezu kwesono seSodom,Yona yabhukuqwáyo ngephanyazo, kungasiwanga sandla kuyo.
7 Babeqaqambile ababalulekileyo bayo ngaphezu kwekhephu; baye bemhlophe ngaphezu kwamasi;Babeyingqombela imizimba ngaphezu kwekorale,* isibili sabo besinjengesafire;*
8 Imbonakalo yabo imnyama ngaphezu kocolothi;Abanakaneki ezitratweni; ulùsu lwabo lutshele emathanjeni abo; lomile, lwanjengokhuni.
9 Baneyhweba ababulewe ngekrele kunababulewe yindlala,Bona baphelayo ngokubulawa kukungabikho kweziqhamo zamasimi.
10 Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwanana babo,Baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu.
11 Úbuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe;Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
12 Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo.Ukuba ubengángenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem.