9 Baneyhweba ababulewe ngekrele kunababulewe yindlala,Bona baphelayo ngokubulawa kukungabikho kweziqhamo zamasimi.
10 Izandla zabafazi abanemfesane zipheke abantwanana babo,Baba kukudla kwabo ekwaphukeni kwentombi yabantu bakowethu.
11 Úbuphelelisile ubushushu bakhe uYehova, ukuphalazile ukuvutha komsindo wakhe;Wafaka umlilo eZiyon, wazitshisa iziseko zayo.
12 Bebengenakukholwa ookumkani behlabathi, nabemi bonke belimiweyo.Ukuba ubengángenayo umbandezeli notshaba emasangweni aseYerusalem.
13 Kungenxa yezono zabaprofeti bayo, nobugwenxa bababingeleli bayo,Abaphalazé igazi lamalungisa phakathi kwayo.
14 Baphamzela beziimfama ezitratweni, bedyobhekile ligazi,Bada abantu ababa nakuchukumisa nezambatho zabo.
15 Sukani, nantso inqambi! Kwatshiwo ukumenyezwa kubo. Sukani, sukani, musani ukuphatha!Bakùsaba, baphamzela nalapho, kwathiwa phakathi kweentlanga,Mabangaphindi baphambukele khona.