18 Kananjalo amakhosikazi asePersi naseMedi ayivayo le nto yokumkanikazi, aya kuyixela kwanamhlanje kubathetheli bonke bokumkani, kwande ke ukudela noburhalarhume.
19 Ukuba kuthe kwalunga kukumkani, makuphume ilizwi lokumkani ebusweni bakhe, libhalwe emithethweni yamaPersi namaMedi, ukuze lingatshitshi, lokuba uVashti angàbi seza phambi kokumkani uAhaswerosi, ukumkani abunikele ubukumkanikazi bakhe kuwabo olungileyo kunaye.
20 Wóthi ke wakuvakala umthetho wokumkani, aya kuwenza ebukumkanini bakhe bonke (ngokuba bukhulu), bonke abafazi bawabeke amadoda abo, kuthabathele kwenkulu, kuse kwencinane.
21 Ilizwi elo lalunga emehlweni okumkani nabathetheli. Wenza ke ukumkani ngokwelizwi likaMemukan.
22 Wathumela iincwadi emazweni onke kakumkani, kwilizwe ngelizwe, njengokubhala kwalo, kwizizwe ngezizwe ngokweentetho zazo, okokuba amadoda onke alawule ezindlwini zawo, athethe ngentetho yakowawo.