3 Kuwo onke amazwe ngamazwe, kwindawo elithe lafika kuyo ilizwi lokumkani nomthetho wakhe, yaba sisijwili esikhulu kumaYuda, nokuzila ukudla, nokulila, nokumbambazela. Abaninzi bandlala iingubo ezirhwexayo nothuthu.
4 Zeza ke iimpelesi zikaEstere namathenwa akwakhe, amxelela. Wamana ezibhijabhija ukumkanikazi, ebuhlungu, wathumela iingubo zokumambesa uMordekayi, zisuswe kuye ezirhwexayo; àkazamkela.
5 UEstere wabiza uHataki wakumathenwa okumkani, obemiswe ukuba amlungisele, wamwisela umthetho kuMordekayi, ukuba azi ukuba kutheni na, kungani na.
6 Waphuma uHataki, waya kuMordekayi endaweni yembutho yomzi, ebiphambi kwesango lokumkani.
7 UMordekayi wamxelela konke okumhleleyo, wamcacisela inani lemali, abethe uHaman, uya kulilinganisela ebutyebini bokumkani ngenxa yamaYuda, ukuba atshatyalaliswe.
8 Wamnika nencwadi leyo yomthetho obuwiswe eShushan wokuwatshabalalisa, ukuze ayibonise uEstere, amxelele, amwisele umthetho wokuba aye kukumkani, atarhuzise kuye, athandazele abantu bakowabo ebusweni bakhe.
9 Weza uHataki, wamxelela uEstere amazwi kaMordekayi.