5 Athi amadodana akwakumkani kuye, Nankuya uHaman emi entendelezweni. Wathi ukumkani, Makangene.
6 Wangena ke uHaman.Wathi ukumkani kuye, Makwenziwe ntoni na kwindoda, athanda ukuyibeka embekweni ukumkani? Wathi uHaman entliziyweni yakhe, Ukumkani angathanda ukubeka bani na embekweni agqithe mna?
7 Wathi uHaman kukumkani, Indoda athandayo ukuyibeka embekweni ukumkani,
8 mabazise isambatho sobukumkani, ambatha sona ukumkani, nehashe akhwela kulo ukumkani, lubekwe entlokweni yayo unkontsho lobukumkani;
9 basinikele isambatho eso nehashe elo esandleni somthetheli wakumawaba okumkani, bayambathise indoda leyo athanda ukuyibeka embekweni ukumkani, bayikhwelise ehasheni elo, icande ezitratweni zomzi, badanduluke phambi kwayo, bathi, Kwenjiwa nje, kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.
10 Wathi ukumkani kuHaman, Ngxama uthabathe isambatho eso nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli esangweni lokumkani. Makungawi phantsi nalinye ilizwi kuko konke okuthethileyo.
11 UHaman wasithabatha isambatho eso nehashe elo, wamambathisa uMordekayi, wamkhwelisa, wamcandisa ezitratweni zomzi, wadanduluka phambi kwakhe ngokuthi, Kwenjiwa nje kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.