9 basinikele isambatho eso nehashe elo esandleni somthetheli wakumawaba okumkani, bayambathise indoda leyo athanda ukuyibeka embekweni ukumkani, bayikhwelise ehasheni elo, icande ezitratweni zomzi, badanduluke phambi kwayo, bathi, Kwenjiwa nje, kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.
10 Wathi ukumkani kuHaman, Ngxama uthabathe isambatho eso nehashe elo, njengoko ukuthethileyo, wenjenjalo kuMordekayi umYuda, ohleli esangweni lokumkani. Makungawi phantsi nalinye ilizwi kuko konke okuthethileyo.
11 UHaman wasithabatha isambatho eso nehashe elo, wamambathisa uMordekayi, wamkhwelisa, wamcandisa ezitratweni zomzi, wadanduluka phambi kwakhe ngokuthi, Kwenjiwa nje kwindoda athanda ukuyibeka embekweni ukumkani.
12 Wabuya uMordekayi, weza esangweni lokumkani; ke uHaman wangxama waya endlwini yakhe, ethe matshamatsha, egqubuthele intloko.
13 UHaman wamcacisela uZereshe umkakhe, nezithandane zakhe zonke, konke okumhleleyo. Zathi kuye izilumko zakhe noZereshe umkakhe, Ukuba ngowembewu yamaYuda uMordekayi lo, ùqalileyo ukuwa phambi kwakhe, akunakumthini; ke wòwa uwile phambi kwakhe.
14 Bathe besathetha naye, kwafika amathenwa okumkani, bangxamisa ukumsa uHaman esidlweni abesenzile uEstere.