Uestere 8:9-15 XHO75

9 Babizwa ke ababhali bokumkani ngelo xesha ngenyanga yesithathu (yinyanga enguSivan ke leyo), ngomhla wamashumi amabini anesithathu kuyo; kwabhalwa ngako konke awawisa umthetho ngako uMordekayi, kumaYuda, nakwiirhuluneli, nakumabamba, nakubathetheli bamazwe, athabathela eIndiya eza kwaKushi, amazwe alikhulu elinamanci mabini anesixhenxe, kwilizwe ngelizwe njengokubhala kwalo, kubantu ngabantu ngokwentetho yabo, nakumaYuda ngokokubhala kwawo nangokwentetho yawo.

10 Kwabhalwa egameni lokumkani uAhaswerosi, kwatywinwa ngomsesane wokumkani; kwathunywa iincwadi ngezigidimi ezisemahasheni, ezikhwele kwiimbaleki zakomkhulu, kumankonyana esihashe sakomkhulu.

11 Kwabhalwa kwathiwa, ukumkani uwavumele amaYuda, akwimizi ngemizi yonke, ukuba abizelane ndawonye, akhusele ubomi bawo, atshabalalise, abulale, asingele phantsi yonke impi yabantu neyelizwe eliwabandezelayo, abantwana nabafazi, aphange amaxhoba abo,

12 ngamini-nye, emazweni onke kakumkani uAhaswerosi, ngomhla weshumi elinesithathu wenyanga yeshumi elinesibini (yinyanga enguAdare ke leyo).

13 Incwadi leyo, ukuze awiselwe umthetho onke amazwe ngamazwe, yathunyelwa kwizizwe zonke, ukuze amaYuda ahlale selezilungiselele loo mhla, ukuziphindezelela ezintshabeni zawo.

14 Izigidimi zakhwela kwiimbaleki zakomkhulu, nakwisihashe sakomkhulu, zaphuma zingxanyisiwe lilizwi lokumkani. Umthetho lowo wawiswa eShushan komkhulu.

15 Ke kaloku uMordekayi waphuma ebusweni bokumkani, enesambatho sobukumkani selinen emsi emhlophe, nesithsaba esikhulu segolide, nengubo yokwaleka yelinen ecikizekileyo emfusa. Umzi waseShushan wagcoba wavuya.