19 Ngenxa yoko amaYuda asemaphandleni, abehlala emizini esemaphandleni, awenza umhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, ukuba ube ngowovuyo nowesidlo, umhla wokuchwayitha nowokuthumelana izabelo.
20 UMordekayi wazibhala ezo nto, wathumela iincwadi kumaYuda onke, abesemazweni onke kakumkani uAhaswerosi, akufuphi kwanakude;
21 ewamisela ukuba awugcine umhla weshumi elinesiné wenyanga enguAdare, nomhla weshumi elinesihlanu kuyo, iminyaka ngeminyaka yonke,
22 njengokuba iyimihla awaphumla ngayo amaYuda ezintshabeni zawo; iyinyanga esaguqulwa ngawo isingqala saba luvuyo, isijwili saba ngumhla wokuchwayitha; ayènze yona ibe yimihla yesidlo, nomvuyo, neyokuthumelana izabelo, neyokupha amahlwempu izipho.
23 Aza amaYuda azimisela ukwenza njengoko abeqalile, nanjengoko uMordekayi ebewabhalele;
24 ngokuba uHaman unyana kaHamedata, umAgagi, umbandezeli wamaYuda onke, wayewacingele ukuwatshabalalisa amaYuda, wawisa iPuri (iqashiso ke elo), ukuba awadubadube, awatshabalalise.
25 Ekufikeni kwaloo nto phambi kokumkani, wathi ngencwadi mayibuyiselwe entlokweni yakhe ingcinga yakhe embi, abeyicingele amaYuda, bamxhome yena noonyana bakhe emthini.