6 EShushan komkhulu amaYuda abulala, atshabalalisa, amakhulu amahlanu amadoda.
7 UParshandata, noDalefon, noAspata,
8 noPorata, noAdaliya, noAridata,
9 noParmashta, noArisayi, noAridayi, noVayezata,
10 oonyana abalishumi bakaHaman unyana kaHamedata, umbandezeli wamaYuda, ababulala; ke amaxhoba akawachukumisanga.
11 Ngaloo mini inani lababulawelwa eShushan komkhulu laziswa phambi kokumkani.
12 Wathi ukumkani kuEstere ukumkanikazi, EShushan komkhulu amaYuda abulele atshabalalisa amakhulu amahlanu amadoda, noonyana abalishumi bakaHaman; kwamanye amazwe okumkani kobeka phi na? Ùcela ntoni na? woyinikwa; ùsafuna ntoni na? woyenzelwa.