4 Onke amasalela, ezindaweni zonke aphambukéle kuzo, makancedwe ngamadoda aloo ndawo akuyo ngesilivere, negolide, nempahla, neenkomo, kunye nomnikelo wabaqhutywa yintliziyo, wendlu kaThixo eseYerusalem.
5 Zesuka ke iintloko zezindlu zooyise zakwaYuda, nezakwaBhenjamin, nezababingeleli, nezabaLevi, bonke abo uThixo wawuxhokonxayo umoya wabo, ukuba banyuke, baye kuyakha indlu kaYehova eseYerusalem.
6 Bonke ababebangqongile babancedisa ngezitya zesilivere, nangegolide, nangempahla, nangeenkomo, nangezinto ezinqabileyo; ngaphandle kwazo zonke ezibe zinikwe ngabantu ngokuqhutywa yintliziyo.
7 Ke ukumkani uKoreshi wazirhola iimpahla zendlu kaYehova, awayezithabathe eYerusalem uNebhukadenetsare, wazibeka endlwini yoothixo bakhe.
8 UKoreshi ukumkani wasePersi wazirhola, wazinikela kuMitredati, umgcinindyebo, wazibalela kuSheshbhatsare, isikhulu sakwaYuda.
9 Lilo eli inani lazo: izitya zegolide zamashumi mathathu, izitya zesilivere zaliwaka, iinkamba zamashumi mabini anesithoba,
10 iindebe zegolide zamashumi mathathu, iindebe zesilivere zohlobo lwesibini zamakhulu mané anashumi linye, iimpahla ezizimbi zaliwaka.