1 Ngabo ke aba oonyana belizwe lakwaYuda abenyukayo, kwababethinjwe basemfudusweni, awabafudusela eBhabheli uNebhukadenetsare, ukumkani waseBhabheli, ababuyela eYerusalem nakwaYuda, elowo wabuyela emzini wakowabo;
2 abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noSeraya, noRehelaya, noMordekayi, noBhileshan, noMispare, noBhigwayi, noRehum, noBhahana. Inani lamadoda abantu bakwaSirayeli:
3 oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.
4 Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu,
5 anamanci asixhenxe anababini. Oonyana baka-Ara ibingamakhulu asixhenxe, anamanci asixhenxe anabahlanu.
6 Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini anamakhulu asibhozo, aneshumi elinye elinababini.