23 Amadoda aseAnatoti ibilikhulu, elinamanci mabini anesibhozo.
24 Oonyana baseAzemavete ibingamashumi amané anababini.
25 Oonyana baseKiriyati-yeharim neKefira neBheroti, ibingamakhulu asixhenxe, anamanci amané anabathathu.
26 Oonyana baseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini anamnye.
27 Amadoda aseMikimase ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.
28 Amadoda aseBheteli neAyi ibingamakhulu amabini, anamanci mabini anamathathu.
29 Oonyana baseNebho ibingamashumi amahlanu anababini.