61 Ke koonyana bababingeleli: oonyana bakaHabhaya, oonyana bakaHakotsi, oonyana bakaBharzilayi (owazeka umfazi ezintombini zikaBharzilayi waseGiliyadi, wabizwa ngegama lazo),
62 abo bakufuna ukubhalwa kwabo kwababhalelwe emilibeni yokuzalwa, abakufumana; bangcola ke, ababa sebubingelelini.
63 Irhuluneli yathi kubo, mabangadli nto kwezingcwele kanye, kude kuvele umbingeleli oneeUrim neeTumim.*
64 Lonke ibandla, lindawonye, ibe ingamawaka angamashumi amané anamabini, anamakhulu mathathu, anamanci mathandathu;
65 ngaphandle kwezicaka zabo ezi, nezicakakazi zabo ezi, zingamawaka asixhenxe, anamakhulu amathathu, anamanci mathathu anesixhenxe; zineemvumi neemvumikazi ezingamakhulu amabini.
66 Amahashe abo ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mathathu anamathandathu; oondlebende babo ibingamakhulu amabini, anamanci mané anabahlanu;
67 iinkamela zabo ibingamakhulu amané, anamanci mathathu anantlanu; amaesile ibingamawaka amathandathu, anamakhulu asixhenxe, anamanci mabini.