3 Wathi uZerubhabheli, noYeshuwa, nabanye abaziintloko zezindlu zooyise bakwaSirayeli kubo, Ànithe ni nathi ekumakheleni uThixo wethu indlu; somakhela sedwa uYehova, uThixo wakwaSirayeli, njengoko wasiwisela umthetho ngako ukumkani onguKoreshi, ukumkani wasePersi.
4 Abantu belo zwe bamana ukubaphelisa amandla abantu bakwaYuda, beboyikisa ekwakheni;
5 bebaqeshela amagqwetha, ukuba alishitshise iqhinga labo, yonke imihla kaKoreshi ukumkani wasePersi, kwada kwezisa ebukumkanini bukaDariyo ukumkani wasePersi.
6 Nasebukumkanini buka-Ahaswerose, ekuqalekeni kobukumkani bakhe, babhala, bebancetheza abemi bakwaYuda nabaseYerusalem.
7 Nangemihla ka-Artashashta kwabhala uBhish-lam, noMitredati, noTabheli, nabanye abalingane babo, kuArtashashta ukumkani wasePersi; incwadi yabhalwa ngentetho yesiAram,* yakhunyushwa ngesiAram.
8 OoRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, babhala incwadi ngeYerusalem kuArtashashta ukumkani, ngolu hlobo.
9 Bathumela ke ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo bamaDina, nabama-Afarsateki, nabamaTarpela, nabama-Afarsi, nabama-Arki, nabamaBhabheli, nabamaShushanki,