4 Abantu belo zwe bamana ukubaphelisa amandla abantu bakwaYuda, beboyikisa ekwakheni;
5 bebaqeshela amagqwetha, ukuba alishitshise iqhinga labo, yonke imihla kaKoreshi ukumkani wasePersi, kwada kwezisa ebukumkanini bukaDariyo ukumkani wasePersi.
6 Nasebukumkanini buka-Ahaswerose, ekuqalekeni kobukumkani bakhe, babhala, bebancetheza abemi bakwaYuda nabaseYerusalem.
7 Nangemihla ka-Artashashta kwabhala uBhish-lam, noMitredati, noTabheli, nabanye abalingane babo, kuArtashashta ukumkani wasePersi; incwadi yabhalwa ngentetho yesiAram,* yakhunyushwa ngesiAram.
8 OoRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, babhala incwadi ngeYerusalem kuArtashashta ukumkani, ngolu hlobo.
9 Bathumela ke ooRehum umkhumbuzi wezinto zakomkhulu, noShimshayi umbhali, nabanye abalingane babo bamaDina, nabama-Afarsateki, nabamaTarpela, nabama-Afarsi, nabama-Arki, nabamaBhabheli, nabamaShushanki,
10 nabamaDehavi, nabamaElam, nezinye izizwe, awazithimbayo uOsnapare omkhulu obekekileyo, wazibeka emzini wakwaSamari, nakweminye nganeno koMlambo,* nakwezinye iindawo.