1 Waza uDariyo ukumkani wawisa umthetho; kwaphicothwa endlwini yeencwadi, apho indyebo ibibekwe khona eBhabheli.
2 Kwafunyanwa komkhulu, eAmeta, eselizweni lamaMedi, incwadi esongwayo; kwaye kubhaliwe apho isikhumbuzo, kwathiwa:
3 Ngowokuqala umnyaka kaKoreshi ukumkani, wawisa umthetho uKoreshi ukumkani, wathi, Indlu kaThixo eYerusalem, mayakhiwe indlu leyo, ibe yindawo apho kubingelelwa khona imibingelelo; zimiswe neziseko zayo; ukuphakama kwayo kube ziikubhite* ezimashumi mathandathu, ububanzi bayo bube ziikubhite ezimashumi mathandathu.
4 Ize ibe ziingcamba ezintathu zamatye anzima, nocamba lwemithi emitsha; indleko mayiphume endlwini yokumkani.
5 Neempahla zendlu kaThixo zegolide, nezesilivere, awazirholayo uNebhukadenetsare etempileni yaseYerusalem, wazizisa eBhabheli, mazibuyiswe zisiwe etempileni eseYerusalem, ezindaweni zazo, endlwini kaThixo.
6 Ngoko, Tatenayi, bamba laphesheya koMlambo,* nawe Shetar-bhozenayi, nabalingane benu bama-Afarseka phesheya koMlambo, yibani kude naloo nto; wuyekeni umsebenzi wale ndlu kaThixo.
7 Ibamba lamaYuda namadoda amakhulu akwaYuda mabayakhe le ndlu kaThixo endaweni yayo.