6 uEzra lowo wenyuka, ephuma eBhabheli. Waye engumbhali oyinkunkqele emyalelweni kaMoses, awawuwisayo uYehova, uThixo kaSirayeli. Ukumkani wamnika konke awakucelayo ngokwesandla sikaYehova, uThixo wakhe, esiphezu kwakhe.
7 Kwenyuka naye inxenye yoonyana bakaSirayeli, neyababingeleli, nabaLevi, neemvumi, nabamasango, nabakhonzi betempile, besiya eYerusalem, ngomnyaka wesixhenxe ka-Artashashta ukumkani.
8 Wafika eYerusalem ngenyanga yesihlanu; lowo ke ngumnyaka wesixhenxe wokumkani.
9 Ngokuba ibe ingumhla wokuqala wenyanga yokuqala, awawumisela ukunyuka ngawo, ephuma eBhabheli; wafika eYerusalem ngomhla wokuqala wenyanga yesihlanu, ngokwesandla esilungileyo sikaThixo wakhe, esibe siphezu kwakhe;
10 ngokuba uEzra intliziyo yakhe wayeyibhekise ekuwufuneni umyalelo kaYehova, awenze, afundise ummiselo nesiko kwaSirayeli.
11 Yiyo le incwadi, awathi ukumkani uArtashashta wamnika uEzra umbingeleli, umbhali obhala amazwi emithetho kaYehova, nemimiselo yakhe kumaSirayeli:
12 UArtashashta, ukumkani wookumkani, kuEzra umbingeleli, umbhali ogqibeleleyo emthethweni kaThixo wamazulu, njalonjalo.