15 Ndabahlanganisela emlanjeni ongumAhava; samisa khona imihla yamithathu. Ndabagqala abantu nababingeleli, andafumana khona namnye woonyana bakaLevi.
16 Ndathumela ukuba kubizwe ooEliyezere, noAriyeli, noShemaya, noElinatan, noYaribhi, noElinatan, noNatan, noZekariya, noMeshulam, abaziintloko; noYoyaribhi noElinatan, abaqondisi-mthetho.
17 Ndabasusa baya kuIdo, oyintloko endaweni eyiKasifiya; ndabeka amazwi emlonyeni wabo, ukuba bathethe wona kuIdo nabazalwana bakhe, abakhonzi betempile, endaweni eyiKasifiya, ukuba basizisele abalungiseleli bendlu kaThixo wethu.
18 Bathi ke, ngokwesandla sikaThixo wethu esilungileyo esiphezu kwethu, babazìsa kuthi ooIshi-sekele koonyana bakaMahali, unyana kaLevi, unyana kaSirayeli; noSherebhiya, noonyana bakhe nabazalwana bakhe, ishumi elinesibhozo;
19 noHashabhiya enoYeshaya koonyana bakaMerari nabazalwana bakhe, noonyana babo, amashumi amabini;
20 nakubakhonzi betempile, ababethe ooDavide nabathetheli babanikela ukuba bakhonze kubaLevi; abakhonzi betempile ibingamakhulu amabini anamanci mabini, bonke bebalulwe ngamagama.
21 Ndamema inzilo apho emlanjeni ongumAhava, ukuba sizithobe phambi koThixo wethu, sizifunele kuye indlela ethe tye, thina, nentsapho yethu, nemfuyo yethu yonke.