7 Kususela kwimihla yoobawo, sisetyaleni elikhulu unanamhla; ngenxa yobugwenxa bethu sanikelwa thina, nookumkani bethu, nababingeleli bethu, esandleni sookumkani bala mazwe, nasekreleni, nasekuthinjweni, nasekuphangweni, nasekudaneni kobuso, njengoko kunjalo namhla.
8 Kaloku, ngokwephanyazo elincinane, kukho ubabalo oluvela kuYehova uThixo wethu, lokusishiyela abasindileyo, asinike isikhonkwane endaweni yengcwele yakhe, ukuze uThixo wethu awakhanyisele amehlo ethu, asisindise kancinane ebukhobokeni bethu.
9 Ngokuba singamakhoboka; ke ebukhobokeni bethu akasishiyanga uThixo wethu; usithobele inceba phambi kookumkani basePersi, basisindisa, ukuba siphakamise indlu yoThixo wethu, silungise inxuwa layo, basibiyele uthango kwaYuda, naseYerusalem.
10 Singáthini na kaloku, Thixo wethu, emveni koko? Kuba siyishiyile imithetho yakho, owayiwisayo ngabakhonzi bakho abaprofeti, usithi,
11 Ilizwe eniya kulíma, lilizwe lokungcola, ngokungcola kwezizwe zala mazwe, ngamasikizi azo azalisileyo, athabathela kwelinye icala esa kwelinye, ngobunqambi bazo.
12 Ke ngoko iintombi zenu musani ukuzendisela koonyana bazo, neentombi zazo musani ukuzizekela oonyana benu; ningalunyamekeli uxolo lwazo nokuzilungeleyo, naphakade; ukuze nomelele, nidle ukulunga kwelizwe elo, nilinike oonyana benu libe lilifa kude kuse ephakadeni.
13 Emveni kwako konke okusihleleyo, ngenxa yezenzo zethu ezibi, nangenxa yetyala lethu elikhulu (kanti wena, Thixo wethu, usiyekile, akwasohlwaya ngangobugwenxa bethu, wasinika abasindileyo abangakanana),