3 Kwafika ke ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,
4 Lixesha na kuni nina, lokuba nihlale ezindlwini zenu zalekiwe, ibe le ndlu yam yona ilinxuwa?
5 Kaloku ke, utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Zigqaleni iindlela zenu.
6 Nahlwayela kakhulu, ningenisé kancinane; niyadla, ningahluthi; nisela, ninganeli kukusela; nambatha, ningevi ntsitho; noziqeshisayo uziqeshisela ukuba agalele engxoweni enezikroba.
7 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Iindlela zenu zigqaleni.
8 Nyukani niye kweleentaba, nize nemithi, niyakhe indlu le; ndokholiswa ke yiyo, ndizizukise; utsho uYehova.
9 Nalindela into eninzi, nantso isuke yaba yinto encinane; nithe nakùza nayo ekhaya, ndayiphephetha. Ngani ke? utsho uYehova wemikhosi; ngenxa yendlu yam, yona le ilinxuwa, nibe nina elowo ebalekela endlwini yakhe.