5 Ilizwi elo, ndànqophisana nani ngalo ekuphumeni kwenu eYiputa, ndisaligcinile, noMoya wam umi phakathi kwenu; musani ukoyika.
6 Ngokuba uYehova wemikhosi utsho ukuthi, Kusaya kuba kanye, umzuzwana ke, ndinyikimise izulu, nehlabathi, nolwandle, nomhlaba owomileyo;
7 ndizinyikimise zonke iintlanga, zifike izinto ezinqwenelekayo zeentlanga zonke, ndiyizalise le ndlu ngobuqaqawuli; utsho uYehova wemikhosi.
8 Isilivere yeyam, igolide yeyam; utsho uYehova wemikhosi.
9 Buya kuba bukhulu ubuqaqawuli bamva bale ndlu, ngaphezu kobokuqala, utsho uYehova wemikhosi; kuyo ke le ndawo ndiya kunika uxolo; utsho uYehova wemikhosi.
10 Ngosuku lwamashumi omabini anesiné lwenyanga yesithoba, ngomnyaka wesibini kaDariyo, kwafika ilizwi likaYehova ngoHagayi umprofeti, lisithi,
11 Utsho uYehova wemikhosi ukuthi, Khawubuze umyalelo kubabingeleli, uthi,