7 Nina nizisa esibingelelweni sam isonka esingcolileyo, nibe ke nisithi, Sikungcolisé ngokuthini na? Ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova sidelekile sona.
8 Ukuba nizisa into eyimfama ukuba ibingelelwe, akunto imbi oko? Ukuba nizisa into esisiqhwala nento efayo, akunto imbi oko? Khawuyisondeze loo nto kwinkosi yakho, ukuba yokholiswa na nguwe; yokunonelela na? utsho uYehova wemikhosi.
9 Kaloku ke, khanimbongoze uThixo, ukuba asibabale; kuvelé esandleni senu oku; womnonelela ke umntu ngenxa yenu na? utsho uYehova wemikhosi.
10 Akwaba bekukho umntu kuni ozivalileyo iingcango, anasibanekela ilizé isibingelelo sam! Àndininanzé nganto, utsho uYehova wemikhosi, àndikholiswa nangumnikelo ophuma esandleni senu.
11 Ngokuba kuthabathela ekuphumeni kwelanga, kude kuse ekutshoneni kwalo, likhulu igama lam phakathi kweentlanga; nasezindaweni zonke kuqhunyiselwa, kunikèlwe igama lam umnikelo ohlambulukileyo; ngokuba likhulu igama lam phakathi kweentlanga; utsho uYehova wemikhosi.
12 Ke nina niyalihlambela ngokuthi oku kwenu, Isithebe sikaYehova singcolile, neziveliso zaso, ukutya kwaso kudelekile.
13 Nábuya nathi ke, Yabonani, yindinisa yani na le! nasivuthela; utsho uYehova wemikhosi; nazìsa izinto eziphangiweyo, neziziqhwala, nezifayo; nenjenje ukuzisa umnikelo ke; ndikholiswe na ke zezo zinto ziphuma esandleni senu? utsho uYehova.