6 Umyalelo wenyaniso waba semlonyeni wakhe, akwafumaneka bugqwetha emilebeni yomlomo wakhe; wahamba nam exolile, ethe tye, wabuyisa abaninzi ebugwenxeni.
7 Kuba umlomo wombingeleli ngowokugcina ukwazi, umyalelo bawufune emlonyeni wakhe; ngokuba ungumthunywa kaYehova wemikhosi.
8 Ke nina nimkile endleleni, nabakhubekisa abaninzi kuwo umyalelo, nawonakalisa umnqophiso kaLevi; utsho uYehova wemikhosi.
9 Nam ndinenza abadelekileyo nabathobekileyo ebantwini bonke, ngokokuba ningàzigcinanga iindlela zam, nesuka nanonelela umntu emyalelweni.
10 Àkamnye na ubawo wethu sonke siphela? Àsidalwe Thixo mnye na? Yini na ukuba singinizelane, siwuhlambele umnqophiso woobawo bethu?
11 Únginizile uYuda, kwenzeka amasikizi kwaSirayeli naseYerusalem; ngokuba uYuda uyihlambele ingcwele kaYehova ayithandayo, wazeka intombi yothixo wolunye uhlanga.
12 Akwaba uYehova angamnqamla, kwindoda ekwenzayo oko, lowo ulindayo naló usabelayo ezintenteni zakwaYakobi, nozisa iminikelo kuYehova wemikhosi.