5 Úkhumbulé iingangamsha zakhe; ziya kukhubeka ekuhambeni kwazo; zingxamela eludongeni lwayo, selimisiwe ikhuselo.
6 Amasango àsemilanjeni avuliwe, linyibilikile ibhotwe.
7 Kugqityiwe kwelokuba iya kuhlutywa, imkiswe, nabakhonzazana bayo badumzele ngokwelizwi lamavukuthu, bebetha ezifubeni zabo.
8 INineve injengechibi lamanzi, kususela koko yabakhoyo; bayabaleka noko; kuba angàthiwa, Yimani, yimani! hayi, akubikho uphethulayo.
9 Phangani isilivere, phangani igolide; akunakuphela ukuxhotyiswa ngobuninzi beempahla zonke ezinqwenelekayo.
10 Kuthe qongqololo, kwathi qongqololo, kwaba selubala; intliziyo inyibilikile, amadolo ayagevezela; yinimba emanqeni onke, ubuso bonke buphela buba luthuthu.
11 Siphi na isikhundla seengonyama, nedlelo elo leengonyama ezintsha, ebilihamba ingonyama induna nengonyamakazi, ithole lengonyama, kungekho wothusayo?