14 Zikhelele amanzi angqingo, qinisa iinqaba zakho; ngena eludakeni, uxovule udongwe; lungisa iziko lokutshisa izitena.
15 Khona apho umlilo uya kukutshisa; ikrele liya kukunqumla, liya kukudla njengenkumbi ekhothululayo. Zándíse njengenkumbi ekhothululayo, zándíse njengenkumbi eyandayo.
16 Ùbandisile ke abarhwebi bakho ngaphezu kweenkwenkwezi zezulu; inkumbi ekhothululayo igalelekile, yabhunyula, yabaleka yemka.
17 Abalúluhle bakho banjengeenkumbi ezandayo, abathetheli bakho banjengemiqikela, ngemiqikela yeenkumbi, ezilalisa ezintangweni mhla ngengqele; lithi lingaphuma ilanga, zibaleke zimke, ingazeki indawo yazo, ukuba ziphi na.
18 Balele abalusi bakho, kumkani Asiriya; zilele phantsi iingangamsha zakho; bathe phangalala abantu bakho ezintabeni, akukho ubabuthayo.
19 Àkuhlangani ukwaphuka kwakho; inxeba lakho lelibulalayo. Bonke abazivayo iindaba zakho babetha izandla ngawe; ngokuba ngubani na ezingadlulanga phezu kwakhe izinto zakho ezimbi ngamaxesha onke?