17 oka-Abhiya inguZikri; okaMinyamin, okaMowadiya inguPiletayi;
18 okaBhilega inguShamuwa; okaShemaya inguYonatan;
19 okaYoyaribhi inguMatenayi; okaYedaya ingu-Uzi;
20 okaSalayi inguKalayi; oka-Amoki inguEbhere;
21 okaHilekiya inguHashabhiya; okaYedaya inguNataniyeli.
22 Malunga nabaLevi, ngemihla kaEliyashibhi, noYoyada, noYohanan, noYaduwa, kwabhalwa iintloko zezindlu zooyise; nezababingeleli, ebukumkanini bukaDariyo umPersi.
23 Oonyana bakaLevi, iintloko zezindlu zooyise, babebhalwa encwadini yemicimbi yemihla, kwada kweza nasemihleni kaYohanan unyana kaEliyashibhi.