39 lasongamela isango lakwaEfrayim, nesango lodonga oludala, nesango leentlanzi, nenqaba ende kaHananeli, nenqaba ende kaHameha, lada leza esangweni lempahla emfutshane, bamisa esangweni lentolongo.
40 Ema ke omabini amaqela okubulela endlwini kaThixo, mna ndinesiqingatha sabaphathi;
41 nababingeleli, ooEliyakim, noMahaseya, noMinyamin, noMikaya, noEliyohenayi, noZekariya, noHananiya, benamaxilongo;
42 noMahaseya, noShemaya, noEleyazare, noUzi, noYohanan, noMalekiya, noElam, noEzere. Iimvumi zavuma kakhulu, uYezeraya engumphathi wazo.
43 Babingelela ngaloo mini imibingelelo emikhulu, bavuya; ngokuba uThixo ubebavuyisile ngovuyo olukhulu. Kananjalo abafazi nabantwana bavuya; kwavakala ukuvuya kweYerusalem namgama.
44 Ngaloo mini kwamiswa amadoda okuphatha amagumbi okuba ngoovimba bemirhumo, neentlahlela, nezishumi, ukuba zifunjwe kuwo, ngokwemihlaba yemizi, izabelo ezimiselwe ababingeleli nabaLevi ngomyalelo; ngokuba amaYuda abevuya ngababingeleli nangabaLevi abemiyo.
45 Basigcina isigxina sikaThixo wabo, nesigxina sentlambululo; zenjenjalo iimvumi nabamasango, ngokomthetho kaDavide, noSolomon unyana wakhe;