8 AbaLevi: ibinguYeshuwa, noBhinwi, noKademiyeli, noSherebhiya, noYuda, noMataniya obephethe imibulelo, yena nabazalwana bakhe;
9 noBhakebhukiya, noUni; abazalwana babo babemalunga nabo besezigxineni.
10 Ke uYeshuwa wazala uYoyakim; uYoyakim wazala uEliyashibhi; uEliyashibhi wazala uYoyada;
11 uYoyada wazala uYonatan; uYonatan wazala uYaduwa.
12 Ke emihleni kaYoyakim bekukho ababingeleli abaziintloko zezindlu zooyise: okaSeraya inguMeraya; okaYeremiya inguHananiya;
13 okaEzra inguMeshulam; oka-Amariya inguYohanan;
14 okaMeliku inguYonatan; okaShebhaniya inguYosefu;