1 Kwathi, akuva uSanebhalati ukuba sìyalwakha udonga, wasuka wavutha umsindo wakhe, waqumba kunene, wawangcikiva amaYuda.
2 Wathetha phambi kwabazalwana bakhe nempi yakwaSamari, wathi, Enza ntoni na la maYuda antshwenyileyo? ozinqabisa na? obingelela na? ogqiba namhla na? owavusa na amatye kwezi mfumba zothuli, etshile nje?
3 Ke uTobhiya umAmon, engakuye, wathi, Nale nto ayakhayo, kungáthi kunyuke impungutye le, iluqhekeze udonga lwawo lwamatye.
4 Yiva, Thixo wethu; ngokuba sideliwe, ukubuyisele ezintlokweni zabo ukungcikiva kwabo, ubanikele ekuphangweni elizweni labathinjwa.