29 Amadoda aseKiriyati-yeharim, neKefira, neBheroti ibingamakhulu asixhenxe, anamanci mané anamathathu.
30 Amadoda aseRama neGabha ibingamakhulu amathandathu, anamanci mabini ananye.
31 Amadoda aseMikimas ibilikhulu, elinamanci mabini anamabini.
32 Amadoda aseBheteli neAyi ibilikhulu, elinamanci mabini anamathathu.
33 Amadoda enye iNebho ibingamashumi amahlanu anamabini.
34 Oonyana bomnye uElam ibiliwaka elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabané.
35 Oonyana bakaHarim ibingamakhulu amathathu, anamanci mabini.