7 abeza noZerubhabheli, noYeshuwa, noNehemiya, noAzariya, noRahamiya, noNahamani, noMordekayi, noBhileshan, noMisperete, noBhigevayi, noNehum, noBhahana.Inani lamadoda, abantu bakwaSirayeli, yayileli:
8 oonyana bakaParoshe ibingamawaka amabini, anekhulu elinamanci asixhenxe anababini.
9 Oonyana bakaShefatiya ibingamakhulu amathathu, anamanci asixhenxe anababini.
10 Oonyana baka-Ara ibingamakhulu amathandathu, anamanci mahlanu anababini.
11 Oonyana bakaPahati wakwaMowabhi, koonyana bakaYeshuwa noYowabhi, ibingamawaka amabini, anamakhulu asibhozo, anashumi linye linesibhozo.
12 Oonyana bakaElam ibiliwaka, elinamakhulu amabini, anamanci mahlanu anabané.
13 Oonyana bakaZatu ibingamakhulu asibhozo, anamanci mané anabahlanu.