1 Ke kaloku uNahomi ebenesihlobo sendoda yakhe, indoda esisityebi emzalwaneni kaElimeleki; igama layo libe linguBhohazi.
2 Wathi uRute umMowabhikazi kuNahomi, Makhe ndiye entsimini, ndibhikice izikhwebu emva kwalowo ndiya kubabalwa nguye. Wathi kuye, Hamba, ntombi yam.
3 Wahamba waya, wabhikica entsimini emva kwabavuni. Ithamsanqa lakhe lawela phezu kwesahlulo sentsimi kaBhohazi, obengowomzalwane kaElimeleki.
4 Wathi gqi uBhohazi, evela eBhetelehem, wathi kubavuni, UYehova makabe nani. Bathi kuye, UYehova makakusikelele.
5 Wathi uBhohazi kwindodana yakhe ephethe abavuni, Yekabani na le nkazana?
6 Yaphendula indodana ephethe abavuni, yathi, Yinkazana engumMowabhikazi, efike noNahomi, bevela elizweni lakwaMowabhi;