1 Wathi uNahomi uninazala kuye, Ntombi yam, ndingàkufuneli na ukuphumla okokulungela?
2 Kaloku àkasihlobo sethu na uBhohazi, lowo umthinjana ubunawo? Nanko esela irhasi ngobu busuku esandéni.
3 Zihlambe, uthambise, unxibe iingubo zakho, uhle uye esandéni. Uze ungazazisi endodeni leyo, ide igqibe ukudla nokusela.
4 Wóthi, ukulala kwayo phantsi, uqonde indawo eye kulala kuyo, uye uyityhile ingubo ngasezinyaweni zayo, ulale phantsi; yókuxelela ke yona into owoyenza.