11 Kaloku ke, ntombi yam, musa ukoyika; konke okuthethileyo ndokwenzela; ngokuba bonke abantu bomzi wakowethu bayazi ukuba uyinkazana enesidima. Ewe!
12 Kuyinene, ndingumkhululi inyaniso. Ke kukho umkhululi osondeleyo kuwe kunam.
13 Lala ngobu busuku; kothi kusasa, ukuba úthe wakukhulula ngentlawulelo, kulunge, makakukhulule ngentlawulelo; ke ukuba akathanga akunanze ukukukhulula ngentlawulelo, ndokukhulula ngentlawulelo mna, ehleli nje uYehova. Lala kude kuse.
14 Walala ke ngasezinyaweni zakhe kwada kwasa; wavuka bengekanakanani abantu. Yathi, Makungàziwa ukuba bekuze inkazana esandéni.
15 Yathi, Ethe ingubo yakho yokwaleka, ukhongozele. Wakhongozela ke ngayo. Yalinganisa izilinganiso zerhasi ezithandathu, yamthwalisa; wagoduka.
16 Waya kuninazala, wathi yena, Ùtheni, ntombi yam? Wamxelela konke emenzele khona indoda leyo.
17 Wathi, Indiniké ezi zilinganiso zerhasi; ngokuba yayisithi, Musa ukuya kunyokozala ulambatha.