1 Ke kaloku wenyuka uBhohazi, waya esangweni lomzi, wahlala khona; nanko egqitha umkhululi lowa abethetha yena uBhohazi; wathi, Wa, Nantsi, khawuphambukele apha, uhlale phantsi.
2 Waphambuka, wahlala. Wathabatha ishumi lamadoda kumadoda amakhulu omzi, wathi, Hlalani apha; ahlala ke.
3 Wathi kumkhululi lowo, Isahlulo somhlaba obungowomzalwana wethu uElimeleki, uthengisé ngaso uNahomi, obuye elizweni lakwaMowabhi;
4 ndathi ke mna, mandivule indlebe yakho, ndithi, Wuthenge ngaphambi kwaba bahleliyo apha, phambi kwamadoda amakhulu abantu bakowethu. Ukuba uyawukhulula ngentlawulelo, wukhulule ngentlawulelo; ukuba akuwukhululi ngentlawulelo, ndixelele ndazi; ngokuba akukho bani unokuwukhulula ngentlawulelo, ingenguwe; ndisemva kwakho mna. Wathi, Ndowukhulula ngentlawulelo mna.
5 Wathi uBhohazi, Mhlenikweni uwuzuzayo umhlaba esandleni sikaNahomi, uwuzuza nakuRute, umMowabhikazi, umkamfi, ukuba uvuse igama lomfi elifeni lakhe.
6 Wathi umkhululi lowo, Andinakuzikhululela ngentlawulelo ngokwam, hleze ndilonakalise elam ilifa. Zikhululele ngentlawulelo isilunga sam eso; ngokuba andinako mna ukuwukhulula ngentlawulelo.