9 Wathi ke uBhohazi kumadoda amakhulu nakubantu bonke, Ningamangqina namhla, ukuba ndikuthengile konke okukaElimeleki, nako konke okukaKiliyon noMalon, esandleni sikaNahomi; noRute umMowabhikazi,
10 umkaMalon, ndimzuzile ukuba abe ngumkam, ukuze kuvuswe igama lomfi elifeni lakhe, linganqanyulwa igama lomfi ebazalwaneni bakhe, nasesangweni lendawo yakhe: ningamangqina namhla.
11 Bathi bonke abantu abasesangweni namadoda amakhulu, Singamangqina. UYehova makamenze lo mfazi ungenayo endlwini yakho, abe njengoRakeli nanjengoLeya, abayakháyo indlu kaSirayeli bobabini, avelise amandla e-Efrata, akwenzele udumo eBhetelehem;
12 indlu yakho ibe njengendlu kaPeretse, awamzalayo uTamare kuYuda, ngembewu leyo aya kukunika uYehova ngale ntombazana.
13 UBhohazi wamzeka ke uRute waba ngumkakhe, wamngena; waza uYehova wamnika ukuzala; wazala unyana.
14 Bathi abafazi kuNahomi, Makabongwe uYehova ongakuyekelanga uswele umkhululi namhla; igama lakhe malivakale kwaSirayeli;
15 abe ngumbuyisi womphefumlo kuwe, nomnqaki wezimvi zakho; ngokuba umolokazana wakho okuthandayo, lowo ulungileyo kuwe ngaphezu koonyana abasixhenxe, úmzele.