21 Musa ukoyika, hlabathi, gcoba uvuye; kuba uYehova wenza izinto ezinkulu.
22 Musani ukoyika, mpahla inkulu yasendle; kuba amakriwa asentlango aphuma uhlaza; kuba umthi uxakatha isiqhamo sawo, umkhiwane nomdiliya unika amandla awo.
23 Nani, nyana baseZiyon, gcobani nivuye kuYehova uThixo wenu; kuba uninika umyaleli wokuba kubekho ubulungisa, anihlisele umvumbi, imvula ethambisayo nemvula evuthisayo ekuqaleni.
24 Zozala izandá yingqolowa, iphalale yiwayini entsha nayioli imikhombe yokukhongozela.
25 Ndonibuyiselela okweminyaka eyadliwa yinkumbi, nangumkhothululi, nangumqikela, nangumnqunquthi, impi yam enkulu endayithumelayo phakathi kwenu.
26 Niya kudla nidlile, nihluthe, nilidumise igama likaYehova uThixo wenu, oniphethe ngokubalulekileyo; bangadani abantu bam naphakade;
27 názi ukuba ndiphakathi kwamaSirayeli; ukuba mna Yehova ndinguThixo wenu, akukho wumbi; bangàdani abantu bam naphakade.