6 Ebusweni babo ziyazibhijabhija izizwe; bonke ubuso buba luthuthu.
7 Bagidima njengamagorha; banyuka udonga njengamadoda okulwa; bahamba elowo ngendlela yakhe, àbaphambaphambi emendweni wabo.
8 Àbagilani, bahamba elowo ngomendo wakhe; bawa nasezikhalini, bangenzakali.
9 Baphithizela emzini; babaleka eludongeni; banyuka ezindlwini; bangena ngeefestile njengesela.
10 Phambi kwabo uyagungqa umhlaba; liyanyikima izulu. Lisuke laba mnyama ilanga nenyanga, neenkwenkwezi zibufinyezile ubumhlophe bazo.
11 UYehova ukhupha izwi lakhe phambi kwempi yakhe; kuba mkhulu kakhulu umkhosi wakhe; kuba unamandla umenzi welizwi lakhe; kuba inkulu imini kaYehova, yoyikeka kunene; ngubani na onokuyinyamezela?
12 Nangoku ke, utsho uYehova ukuthi, Buyelani kum ngentliziyo yenu yonke, nangokuzila, nangokulila, nangokumbambazela;