6 nathengisa ngoonyana bakaYuda nangoonyana baseYerusalem koonyana bakaYavan,* ukuze nibakhwelelisele kude emdeni wabo;
7 yabonani, ndiyabaxhoxha endaweni enathengisa ngabo kuyo, ndikubuyìsele ukuphatha kwenu entlokweni yenu.
8 Ndothengisa ngoonyana benu nangeentombi zenu esandleni soonyana bakaYuda, bathengise ngabo kumaShebha, kuhlanga olukude; kuba úthethile uYehova.
9 Memezani oku ezintlangeni, ngcwalisani imfazwe; xhoxhani amagorha; makafike enyuke onke amadoda okulwa.
10 Khandani amakhuba enu abe ngamakrele, nezitshetshe zenu zemidiliya zibe zizikhali;
11 oswele amandla makathi, Ndiligorha. Khawulezani nize, nonke zintlanga zangeenxa zonke, nibuthelane; wahlisele khona amagorha akho, Yehova.
12 Mazixhoxhwe zinyuke iintlanga, ziye entilini yakwaYoshafati; ngokuba ndiya kuhlala phantsi khona, ukuze ndizigwebe zonke iintlanga zangeenxa zonke.