12 Nani maKushi, ningababuleweyo ngekrele lam.
13 Úya kusolula isandla sakhe ngakwelisentla, ayitshabalalise iAsiriya, ayenze ibe linxuwa iNineve, ayenze umqwebedu onjengentlango.
14 Iya kubutha phakathi kwayo imihlambi, izinto eziphilileyo nokuba ziziphi, ziziimfidi; ingcwangube nokhwalimanzi balale emanqanamini; kobakho lizwi leemvumi ezifestileni, amazala emibundwini yeminyango; ngokuba ewuhlubile umsebenzi wabo wemisedare.*
15 Nguwo lowo umzi obudlamkile, obuhleli ukholosile, obusithi entlizityweni yawo, Ndim kwaphela, akukho wumbi. Útheni na ukuba ube linxuwa, ube sisikhundla samarhamncwa! Bonke abadlulayo kuwo benza umsondlo, baphekuze ngesandla sabo.