3 Makabongwe uThixo, uYise weNkosi yethu uYesu Kristu, othe ngokobuninzi benceba yakhe, wasizala ngokutsha, ukuba sibe nethemba eliphilileyo ngokuvuka kukaYesu Kristu kwabafileyo;
4 sibe nelifa elingenakonakala, elingenakudyobheka, elingenakuguga, eniligcinelweyo emazulwini,
5 nina bàthe ngamandla kaThixo ngokholo balondolozelwa elusindisweni, olulungiselwe ukutyhilwa ngexesha lokugqibela.
6 Enigcoba ngalo, nokuba nithe naba buhlungu umzuzwana ngoku, ukuba nimelwe kuko, phakathi kwezilingo ngezilingo;
7 ukuze ukucikideka kokholo lwenu kufunyanwe kunqabile kakhulu, ngaphezu kwegolide le itshabalalayo, noko icikidwa ngomlilo; kuse kuyo indumiso nembeko nozuko ekutyhilekeni kukaYesu Kristu.
8 Enithe, ningambonanga nje, namthanda; enithi ke nikholwa kuye, noko ngoku ningamboniyo, nigcobe ngovuyo olungathethekiyo, oluzukisiweyo;
9 nisamkela isiphelo sokholo lwenu, usindiso ke lwemiphefumlo yenu.